2 Yookumkani 17:26-40 Ibhayibhile (XHO96)

26. Bathetha nokumkani waseAsiriya, wafumana umyalezo othi: “Abantu owabafudusela kwiidolophu zaseSamariya abayazi indlela yokunqula uThixo wakhona. Ngoko ke ubathumelele iingonyama ezibabulalayo, kuba kaloku abo bantu abawazi amasiko awafunayo uThixo wakhona.”

27. Ke ukumkani waseAsiriya wanika umyalelo othi: “Thathani omnye kubabingeleli enabathimba eSamariya, niye kumhlalisa khona, ukuze afundise abo bantu indlela anqulwa ngayo uThixo wakhona.”

28. Ngenene ke bathatha omnye kubabingeleli ababethinjwe eSamariya, baya kumhlalisa eBhetele, wabafundisa ke abo bantu indlela anqulwa ngayo uNdikhoyo.

29. Naxa kunjalo kwezo dolophu uhlanga ngalunye kwezo dolophu zazikuzo ezo ntlanga lwazenzela oothixo balo, lwabamisa kwezo ndawo ziphakamileyo zonqulo zazenziwe ngabantu baseSamariya.

30. Ababevela eBhabheli bazenzela uSukoti-bhenoti, ababevela eKuta bazenzela uNergale, ababevela eHamati bazenzela uAshima,

31. ama-Avi wona azenzela uNibhasi noTartake; ke wona amaSefarvayim ayefaka abantwana bawo emlilweni, esenzela oothixo bawo uAdrameleki noAnameleki amadini.

32. Babemnqula yena uNdikhoyo, kodwa kananjalo bamisela abantu babo ukuze babe ngababingeleli kwiindawo zonqulo eziphakamileyo.

33. Bamnqula uNdikhoyo, kodwa ngokunjalo babanqula noothixo babo, ngokwamasiko ezo ntlanga babephuma kuzo.

34. Unanamhla abakalumleki kuloo mikhwa yabo yemveli. UNdikhoyo abamnquli nokumnqula, bengabambeleli nakwizimiso nemiyalelo, imithetho nemiqathango, uNdikhoyo awayinikela isizukulwana sikaYakobi, lowo wambiza ngokuba nguSirayeli.

35. Ngokuya uNdikhoyo wayesenza umnqophiso namaSirayeli wayalela wathi: “Ze ningabanquli abanye oothixo; ze ningaguqi nibakhahlele, ningabakhonzi, ningabenzeli namadini.

36. Eniya kunqula yena nguNdikhoyo, yena wanikhululayo kwelaseJiputa ngaloo mandla obungangamsha bakhe angoyiswa nto. Nguye enifanele ukuguqa kuye, nimenzele amadini.

37. Ze nizithobele ngenyameko izimiso nemiyalelo yakhe, imithetho nemiqathango awanibhalela yona. Ze ninganquli thixo bambi ngaphandle kwakhe.

38. Umnqophiso endawenza kunye nani ze ningawulibali, ninganquli thixo bambi.

39. Kuphela nqulani uNdikhoyo uThixo wenu, kuba nguye yedwa oya kunihlangula kuzo zonke iintshaba zenu.”

40. Kambe ke zange baphulaphule, koko bayiqhubela phambili imikhwa yabo yemveli.

2 Yookumkani 17