10. Ukumkani uAhazi wahlangabeza ukumkani waseAsiriya uTigelate-pilezere eDamasko. EDamasko ke apho wabona iqonga lamadini, waza wathumela kumbingeleli u-Uriya emnika iplani yalo neenkcukacha zokwakha elifana nalo.
11. Umbingeleli u-Uriya ke wakha iqonga lamadini ngokwezo nkcukacha wayezithunyelelwe ngukumkani uAhazi eseDamasko. Iqonga elo waligqiba engekabuyi eDamasko ukumkani uAhazi.
12. Ekubuyeni kwakhe ke, ukumkani walibona iqonga elo, waza wenza amadini kulo.
13. Wenza amadini atshiswayo, iminikelo yeenkozo, kunye neminikelo ethululwayo, waza wafefa ngegazi elingumnikelo wakhe wobudlelwane kwalapho eqongeni.
14. Ke lona iqonga lobhedu elalimi phambi koNdikhoyo walisusa phambi kwendlu kaThixo, apho lalikhona phakathi kweqonga elitsha nendlu kaNdikhoyo, walimisa ngasentla kweqonga elitsha.