4. Ke uYowahazi wakhala kuNdikhoyo, waza ke yena wamphulaphula, kuba wayekubona ukuphatheka kabuhlungu kukaSirayeli phantsi kwesandla sokumkani wakwa-Aram.
5. UNdikhoyo wamnika umhlanguli uSirayeli, waza ke waphuncula kweso sandla sama-Aram. USirayeli ke wabuya wadla ngendeb' endala njengangaphambili.
6. Kodwa ke akahlukananga nezono zendlu kaJerobhowam, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo; ewe, waqhubela phambili ukuzenza. Nentsika ka-Ashera yasala isamile apho eSamariya.
7. Ke wona umkhosi kaYowahazi wavuthuluka waphela kwasala amadoda amahashe angamashumi amahlanu, ishumi leenqwelo, neshumi lamawaka lamajoni eenyawo. Kaloku ukumkani wakwa-Aram watshabalalisa konke, washiya kuxusheke ngathi luthuli lexa lokubhula.