33. Loo madoda ke aphawula ukuba loo mpendulo ibonakalisa ubuhlobo, aza akhawuleza athi: “Ewe, umntakwenu uBhenadadi!”Ukumkani ke wathi: “Hambani nize naye!”Weza ke uBhenadadi, waza uAhabhi wamkhwelisa enqwelweni yakhe.
34. UBhenadadi wathi: “Ndiza kuzibuyisa izixeko ezathathwa ngubawo kuyihlo. Ngaphezu koko ungazenzela izitalato zokuthengisela phaya eDamasko nanjengokuba wazenzayo ubawo eSamariya.”UAhabhi wathi kuye: “Ndiza kukukhulula phantsi komqathango womnqophiso.” Ngoko ke benza isivumelwano, waza ke wamkhulula.
35. Ngomlomo *kaNdikhoyo omnye *wabashumayeli wathetha neqabane lakhe, wathi: “Khawundigwaze!” Kambe ke akavumanga ugxa wakhe lowo.
36. Umshumayeli lowo ke wathi: “Njengokuba ke ungamthobelanga nje uNdikhoyo, sakwahlukana uya kuhlaselwa yingonyama ikubulale.” Ngenene ke bakuba bahlukene kwathi gqi ingonyama, yambulala loo mfo.
37. Umshumayeli lowo wadibana nomnye umfo, waza wathi kuye: “Khawundigwaze.” Wamgwaza ke wamlimaza.