UBhenadadi wathi: “Ndiza kuzibuyisa izixeko ezathathwa ngubawo kuyihlo. Ngaphezu koko ungazenzela izitalato zokuthengisela phaya eDamasko nanjengokuba wazenzayo ubawo eSamariya.”UAhabhi wathi kuye: “Ndiza kukukhulula phantsi komqathango womnqophiso.” Ngoko ke benza isivumelwano, waza ke wamkhulula.