1 Yookumkani 20:21-27 Ibhayibhile (XHO96)

21. Waphuma ke ukumkani wakwaSirayeli, wabahlasela abamahashe nabeenqwelo, wawabetha ee waca ama-Aram.

22. Wafika umshumayeli lowa, wathetha nokumkani wakwaSirayeli, wathi: “Buyani nizihlaziye, nicwangcise ngenyameko, nihlale nomelele, kuba ukumkani wama-Aram lo uza kubuya aphinde anihlasele entlakohlaza.”

23. Kanti ke amaphakathi okumkani wama-Aram wona amcebisa athi: “Kaloku oothixo bamaSirayeli ngoothixo abahlala ezintabeni; yiyo le nto esongamele kangaka nje! Ukuba sinokulwa nawo emathafeni akuthandabuzeki ukuba singawoyisa.

24. Ngoko ke yenza le nto: basuse ookumkani abo, uze ezindaweni zabo ufake amanye amagosa.

25. Gaya umkhosi olingana nalowa besinawo, kube njalo emahashini nasezinqwelweni, ukuze sibe nako ukulwa namaSirayeli emathafeni. Xa siyenzile ke loo nto siya kuwongamela.” Ukumkani walamkela elo cebo, waza ke wenza njengoko.

26. Entlakohlaza uBhenadadi wawuqokelela umkhosi wakhe, waza waphuma nawo ama-Aram, wajonga eAfeki, esiya kulwa namaSirayeli.

27. Athe akuba eqokelelene amaSirayeli, axhoba, anikwa nomphako, aphuma ahlangabeza. Ke amaSirayeli emisa malunga nama-Aram ethe xakalala kuloo ntili, benjengemihlanjana emibini yeebhokhwe.

1 Yookumkani 20