7. Ezinye zeziganeko zokulawula kuka-Abhiya, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.Kwakusoloko kukho imfazwe phakathi kuka-Abhiya noJerobhowam.
8. Ke uAbhiya waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatywa kwisixeko sikaDavide, unyana wakhe uAsa wathatha indawo yakhe wangukumkani.
9. Ngonyaka wamashumi amabini uJerobhowam elawula kwaSirayeli, ukumkani uAsa waqalisa ukulawula kwaJuda,
10. waza walawula iminyaka emashumi mane nanye. Unina-khulu yayinguMahaka intombi ka-Abhasalom.
11. Ke kaloku uAsa yena waxelisa uyise-mkhulu uDavide, wathobela *uNdikhoyo,
12. wazidenda izibingelelo zamahenyu angamadoda kumhlaba wakhe, wayisusa nemifanekiso ezizithixo eyayenziwe ngooyise.
13. Wamkhiqa unina-khulu uMahaka kwisikhundla sokuba ngukumkanikazi; kaloku yena wayenze isikizi eliyintsika ka-Ashera. UAsa wayigawula loo ntsika, waza wayitshisa kwintili yeKedron.
14. Nangona engazitshitshisanga iindawo eziphakamileyo zonqulo, noko uAsa wayenqula uNdikhoyo ngomxhelo wakhe wonke bonke ubomi bakhe.
15. Wayizisa endlwini kaNdikhoyo isiliva negolide nenye impahla yonqulo, leyo yena noyise babeyenze umnikelo.
16. Ke kaloku kwakusoloko kuyimfazwe phakathi kuka-Asa noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli ngalo lonke ixesha lokulawula kwabo.
17. Ukumkani uBhayesha waya kwaJuda, wafika wayingqinga iRama, wavala akwabi nakungena nakuphuma mntu kummandla ka-Asa ukumkani wakwaJuda.
18. Ke uAsa wayithatha isiliva negolide eyayishiyeke koovimba bendlu kaNdikhoyo nakwabo bebhotwe lakhe, wayinikezela kumagosa akhe, wayithumela kuBhenadadi unyana kaTabrimon unyana kaHeziyon ukumkani wakwa-Aram owayelawula eDamasko.
19. Wathi kuye: “Makubekho umnqophiso phakathi kwam nawe, nanjengokuba wawukhona phakathi kukabawo noyihlo. Nâso isipho endikunika sona: igolide nesiliva. Wuqhawule ke umnqophiso ophakathi kwakho noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli, khon' ukuze andiyeke.”
20. UBhenadadi ke wavumelana nokumkani uAsa, waza wathumela iingqwayi-ngqwayi zomkhosi wakhe zaya kuhlasela iidolophu zakwaSirayeli, wayoyisa i-Iyon, nesixeko sakwaDan, neAbhele-bhete-mahaka, neKineroti iphela, kunye nelizwe lonke lakwaNafetali.
21. Akuyiva le nto uBhayesha wayeka ukwakha engqinga iRama, wahlehlela eTirza.
22. Ke kaloku ukumkani uAsa wanika umyalelo kuJuda ephela, wathi wonke umntu makathathe loo matye naloo mithi yayisetyenziswa ngoBhayesha engqinga iRama. Ngezo zinto ukumkani uAsa wakha iGebha kwaBhenjamin kunye neMizpa.
23. Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Asa nayo yonke imizabalazo yakhe esebenza esakha nezixeko, nâzo kwincwadi yeembali zookumkani bakwaJuda. Kambe ke wathi akuba mdala waba nesifo seenyawo.