13. Ngokuba ndimgobile uYuda, isaphetha sam; ndimfakile uEfrayim, utolo lwam; ndiya kubaxhokonxa oonyana bakho, Ziyon, koonyana bakho, Yavan,* ndikwenze ube njengekrele legorha.
14. UYehova uya kubonakala phezu kwabo, luphume njengombane utolo lwakhe; iNkosi uYehova iya kuvuthela isigodlo, ihambe ngemimoya evuthuzayo yasezantsi.
15. UYehova wemikhosi uya kubakhusela ngaphezulu, badle, banyathele amatye okusawula, basele, baxokozele ngokwasewayinini; bazale ngokweengqayi, ngokweembombo zesibingelelo.
16. Wóbasindisa abantu bakhe uYehova uThixo wabo ngaloo mini, njengomhlambi; ngokuba bengamatye esithsaba, abengezela emhlabeni wakhe.
17. Kuba kungakanani na ukulunga kwabo, bungakanani na ubuhle babo! Ingqolowa iya konwabisa umlisela, iwayini entsha iwonwabise umthinjana.