Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ngezo mini aya kuthi abambe amadoda alishumi asezilwimini zonke zeentlanga, abambe esondweni lengubo yendoda engumYuda, athi, Siya kuhamba nani, ngokuba sivile ukuba uThixo unáni.