Uzekariya 7:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ngomnyaka wesiné kaDariyo ukumkani, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya ngosuku lwesiné lwenyanga yesithoba, enguKisilevu.

2. IBheteli ke yathuma ooSharetsere noRegem-meleki nabantu bakhe, ukuba bambongoze uYehova,

3. bathèthe kubabingeleli ababesendlwini kaYehova wemikhosi, nakubaprofeti, bathi, Ndilíle na, ndizíle na ngenyanga yesihlanu, njengoko ndisendenzé ngako le minyaka ingaka?

4. Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi,

5. Thetha kubantu bonke belizwe eli, nakubabingeleli, uthi, Oko benizila ukudla, nilila, ngenyanga yesihlanu nangeyesixhenxe, iminyaka ke engamashumi asixhenxe, ukuzila oko benizilela mna na?

Uzekariya 7