Uzekariya 14:4-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ziya kuma iinyawo zakhe ngaloo mini phezu kweNtaba yemiNquma, ephambi kweYerusalem ngasempumalanga, icandeke iNtaba yemiNquma phakathi, ithabathele empumalanga ise entshonalanga, ibe sisihlambo esikhulu kakhulu; sisunduzeke isiqingatha sentaba sisinge entla, esinye isiqingatha sayo sisinge ezantsi.

5. Nòsabela esihlanjeni seentaba zam, kuba isihlambo seentaba ezo siya kufika naseAtsele; nisabe njengoko nasabayo ngenxa yenyikima emihleni kaUziya ukumkani wakwaYuda, eze uYehova uThixo wam, eneengcwele zakhe zonke.

6. Kothi ngaloo mini kungabi mhlophe, iinkwenkwezi ezinendili zibe luzizi.

7. Kuya kuba yimini eyodwa; yona iya kwazeka kuYehova; àyimini, àyibusuku; kuthi ngexa langokuhlwa kube mhlophe.

8. Kothi ke ngaloo mini, kuphume eYerusalem amanzi aphilileyo; esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasempumalanga, esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasentshonalanga; kube njalo ehlotyeni nasebusika.

9. UYehova woba ngukumkani phezu kwehlabathi lonke; ngaloo mini iya kuba nguYehova yedwa, negama lakhe lodwa.

Uzekariya 14