4. Ndiya kusolula isandla sam phezu koYuda, naphezu kwabemi bonke baseYerusalem, ndinqamle kuyo le ndawo amasalela akwaBhahali,* negama lababingeleli abangengabo, kunye nababingeleli;
5. nabaqubuda kumkhosi wezulu phezu kwezindlu, nabaqubudi abazinikela kuYehova ngesifungo, bafunge ukumkani wabo;
6. nababuya umva kuYehova, nabangàmfunanga uYehova, abangàmquqelanga.
7. Yithini tu ebusweni beNkosi uYehova; ngokuba isondele imini kaYehova; kuba uYehova ulungise umbingelelo, ungcwalise abamenywa bakhe.
8. Kuya kuthi ngemini yombingelelo kaYehova, ndibavelele abathetheli, noonyana bokumkani, nabo bonke abambatha izambatho zolunye uhlanga.