Uzefaniya 1:15-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Loo mini yimini yokuphuphuma komsindo, yimini yembandezelo nocutheko, yimini yentshabalala yakwantshabalala, yimini yobumnyama nesithokothoko, yimini yamafu, namafu amnyama;

16. yimini yesigodlo nokuhlaba umkhosi emizini enqatyisiweyo, naseluqoqweni olude.

17. Ndiya kubabandezela abantu, bahambe ngokweemfama, kuba bonile kuYehova; liphalàzwe igazi labo njengothuli, nenyama yabo njengobulongo.

18. Nesilivere yabo negolide yabo ayisayi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; lotshiswa lonke ihlabathi ngumlilo wekhwele lakhe. Ngokuba uya kubaphelisa, inene, abènze into ekhwankqisayo bonke abemi behlabathi.

Uzefaniya 1