Uyoweli 3:19-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. IYiputa kuya kuba senkangala, nelakwaEdom libe yintlango esenkangala, ngenxa yokugonyamela kwabo oonyana bakaYuda, ekubeni bephalazé igazi elimsulwa ezweni labo.

20. Ke uYuda uya kumiwa ngonaphakade, iYerusalem imiwe kwizizukulwana ngezizukulwana.

21. Ndiya kulisula igazi labo endandingalisulanga; ngokuba uYehova uhleli eZiyon.

Uyoweli 3