19. Ke yona yonke isilivere, negolide, nempahla yobhedu, neyesinyithi, iyingcwele kuYehova; yongena ebuncwaneni bukaYehova.
20. Baduma ke abantu ukuvuthela ngezigodlo bequpha; kwathi, bakusiva abantu isandi sesigodlo, baduma abantu ngokuduma okukhulu, lwawa udonga lwathi bhuma. Benyuka abantu kuwo umzi, elowo wathi ngqo, bawuthimba umzi.
21. Bazisingela phantsi ngohlangothi lwekrele zonke izinto ezikuloo mzi, bethabathela kwindoda besa kumfazi, bethabathela kwindodana besa kwixhego, besa nakwinkomo, nakwimpahla emfutshane, nakwiesile.
22. UYoshuwa wayeselethe kumadoda amabini abelihlolile ilizwe, Yiyani kwindlu yenkazana leya ilihenyukazi, niyikhuphe khona loo nkazana nento yonke enayo, njengoko nayifungelayo.