1. Wazihlanganisa uYoshuwa zonke izizwe zakwaSirayeli kwaShekem, wawabiza amadoda amakhulu amaSirayeli, neentloko zawo, nabagwebi bawo, nababhali bawo; bazimisa phambi koThixo.
2. Wathi uYoshuwa kubo bonke abantu, Utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ooyihlo babehleli phesheya koMlambo* kususela kwaphakade, ooTera, uyise ka-Abraham, uyise kaNahore; babekhonza thixo bambi.