4. Yawathabatha loo nkazana loo madoda omabini, yawafihla; yathi, Okunene afikile kum amadoda lawo, andazi ukuba avela ngaphi na;
5. kwathi, ukuvalwa kwesango, kwakuba mnyama, amadoda lawo aphuma; andazi ukuba ayƩ ngaphi na amadoda lawo; wasukeleni kamsinya, ngokuba nowafumana.
6. Ke yona yayiwanyusele phezu kwendlu, yawaqhusheka ezindizeni zeflakisi,* eyabe izicwangcise phezu kwendlu.
7. Amadoda awasukela ngendlela yaseYordan eya emazibukweni; lavalwa isango emveni kokuba bephumile abo basukelayo.
8. Engekalali amadoda, yenyuka yona yaya kuwo phezu kwendlu; yathi kuloo madoda,