Uyoshuwa 2:21-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Yathi ke, Makube njengamazwi enu, kube njalo. Yawandulula, ahamba ke. Yayibopha intsontelo ebomvu efestileni.

22. Ahamba ke aya entabeni, ahlala khona iintsuku zantathu, bada babuya abo bawasukelayo; bafuna abo bawasukelayo endleleni yonke, abawafumana.

23. Abuya amadoda omabini, ehla entabeni, awela, afika kuYoshuwa unyana kaNun, ambikela zonke izinto afumenene nazo.

24. Athi kuYoshuwa, UYehova ulinikele esandleni sethu lonke ilizwe elo; kananjalo bathé amandla bonke abemi belizwe phambi kwethu.

Uyoshuwa 2