23. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
24. Lavela iqashiso lesihlanu nesizwe soonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo.
25. Umda wabo waba yiHelekati, neHali, neBheten, neAkeshafi,
26. neAlameleki, neAmadi, neMishali; wafikelela eKarmele ngasentshonalanga, neShihore-libhenati.
27. Wabuya, wasinga ngecala eliphuma ilanga eBhete-dagon, wafikelela kwelakwaZebhulon, nakumfula waseIfeta-eli, ngasentla kweBhete-emeki, neNehiyeli; waphuma waya eKabhuli ngasekhohlo;
28. neHebron, neRehobhi, neHamon, neKana, wesa eTsidon enkulu.
29. Wabuya umda waya eRama, wesa emzini onqatyisiweyo oyiTire, wabuya umda waya eHosa; ukuma kwawo, waya wema ngolwandle, ngasesabelweni sika-Akezibhe;
30. neUma, neAfeki, neRehobhi: imizi emashumi mabini anamibini inemizana yayo.
31. Lilo elo ilifa loonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.