Uyoshuwa 19:22-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Umda wafikelela eTabhore, naseShahatsima, naseBhete-shemeshe, ukuma komda wabo, waya wema ngeYordan imizi elishumi elinamithandathu enimizana yayo.

23. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.

24. Lavela iqashiso lesihlanu nesizwe soonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo.

25. Umda wabo waba yiHelekati, neHali, neBheten, neAkeshafi,

26. neAlameleki, neAmadi, neMishali; wafikelela eKarmele ngasentshonalanga, neShihore-libhenati.

27. Wabuya, wasinga ngecala eliphuma ilanga eBhete-dagon, wafikelela kwelakwaZebhulon, nakumfula waseIfeta-eli, ngasentla kweBhete-emeki, neNehiyeli; waphuma waya eKabhuli ngasekhohlo;

28. neHebron, neRehobhi, neHamon, neKana, wesa eTsidon enkulu.

29. Wabuya umda waya eRama, wesa emzini onqatyisiweyo oyiTire, wabuya umda waya eHosa; ukuma kwawo, waya wema ngolwandle, ngasesabelweni sika-Akezibhe;

30. neUma, neAfeki, neRehobhi: imizi emashumi mabini anamibini inemizana yayo.

31. Lilo elo ilifa loonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.

32. Lavela iqashiso lesithandathu noonyana bakaNafetali, ileloonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo.

33. Umda wabo wathabathela eHelefe, eMiokini* yaseTsahanayim, neAdami-nekebhe, neYabheneli, wesa eLakum; nokuma kwawo, wema ngeYordan;

34. wabuya umda, wasinga entshonalanga eAzenotitabhore, waphuma khona waya eHukoki, wafikelela kwelakwaZebhulon ngasezantsi, wafikelela kwelakwa-Ashere ngasentshonalanga, nelakwaYuda eYordan ngasempumalanga.

35. Imizi enqatyisiweyo yaba yiTsidim, neTsere, neHamati, neRakati, neKinerete,

Uyoshuwa 19