Uyoshuwa 18:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Wathi uYoshuwa koonyana bakaSirayeli, Koda kube nini na nikunqena ukuya kulihlutha elo zwe aninike lona uYehova uThixo wooyihlo?

4. Khuphani amadoda abe mathathu esizweni ngesizwe, ndiwathume, asuke acande ezweni, alibhale ngokwamafa azo, aze abuyele kum,

5. alabe libe zizabelo ezisixhenxe; uYuda eme emdeni wakhe ngasezantsi, indlu kaYosefu ime emdeni wayo ngasentla.

6. Nina ke nilibhale ilizwe lezabelo ezo zisixhenxe, niyizise ingxelo kum apha, ndiniwisele amaqashiso phambi koYehova uThixo wethu apha.

7. Kuba abaLevi àbanasabelo phakathi kwenu, kuba ilifa labo bububingeleli bukaYehova; ke uGadi noRubhen nesiqingatha sesizwe sikaManase basebelithabathile ilifa labo awabanika lona uMoses, umkhonzi kaYehova, phesheya kweYordan ngasempumalanga.

8. Asuka ke amadoda lawo ahamba. UYoshuwa wabawisela umthetho abo bahambáyo beya kulibhala ilizwe, esithi, Yiyani, nilihambe ilizwe, nilibhale, nize nibuyele kum, ndiniwisele amaqashiso phambi koYehova eShilo apha.

9. Aya ke amadoda lawo, acanda ezweni apho, alibhala ngokwemizi, ngokwezabelo ezisixhenxe encwadini; eza ke kuYoshuwa eminqubeni eShilo.

Uyoshuwa 18