Uyona 1:5-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Boyika oomateloshe, bakhala elowo kuthixo wakhe; bayijulela elwandle impahla ebisenqanaweni, ukuziphungulela bona.UYona ke wayehlé waya ezantsi enqanaweni, wasindwa bubuthongo walala.

6. Wasondela kuye umphathi wababheqi, wathi kuye, Wènzani na, thongorhandini? Vuka, ubize kuThixo wakho; mhlawumbi uThixo angásikhumbula, singabhubhi.

7. Bathi omnye komnye, Yizani, senze amaqashiso, sázi ukuba kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi. Benza amaqashiso, iqashiso laphuma noYona.

8. Bathi kuye, Khawusixelele, kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi? úyintoni na umsebenzi wakho? ùvela phi na? liphi na ilizwe lakowenu? ùngowabaphi na abantu?

9. Wathi kubo, NdingumHebhere; ndiyamoyika uYehova, uThixo wamazulu, owenza ulwandle, nomhlaba lo womileyo.

10. Oyika amadoda lawo ngoloyiko olukhulu, athi kuye, Yintoni na le uyenzileyo? Ngokuba amadoda lawo ayesazi ukuba ubaleka emka ebusweni bukaYehova; kuba wayewaxelele.

11. Athi kuye, Masenze ntoni na kuwe, ukuze ulwandle ludambe, lusiyeke?

12. Kuba ulwandle belusiya lusilwa. Wathi kuwo, Ndifunquleni, nindijulele elwandle, ludambe ulwandle, luniyeke; kuba ndiyazi, ukuba lo moya, mkhulu uvuthuzayo, ùphezu kwenu, úngenxa yam.

13. Atyhudisa emazeni amadoda, ezama ukuyibuyisela emhlabeni owomileyo inqanawa; akhohlwa, kuba ulwandle lwaya lusilwa phezu kwazo ngeenxa zonke.

Uyona 1