Uyohane 8:25-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Abesithi ngoko kuye, Ùngubani wena? Wathi kuwo uYesu, Ndiyiloo nto ndayixelayo kuni kwasekuqaleni.

26. Ndineendawo ezininzi zokuthetha nokugweba ngani; lowo wandithumayo uyinene; ndithi ke mna, izinto endazivayo kuye, ndithethe zona ezo kwihlabathi.

27. Akaqondanga ukuba ebethetha ngoYise kuwo.

28. Wathi ngoko uYesu kuwo, Xa nithe namphakamisa uNyana woMntu, noqonda oko ukuba ndinguye, nokuba andenzi nto ngokwam; ndisuka ndizithethe ezi zinto njengoko wandifundisayo uBawo.

29. Lowo wandithumayo unam; uBawo akandishiyanga ndedwa; ngokuba mna ndihleli ndizenza izinto ezikholekileyo kuye.

30. Akubon' ukuba uyazithetha ezi zinto, bakholwa kuye, baba baninzi.

31. Ubesithi ngoko uYesu kuloo maYuda akholiweyo kuye, Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso.

32. Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.

33. Amphendula, athi, Thina siyimbewu ka-Abraham; asizanga sibe sebukhobokeni nakubani; ùtsho ngani na wena ukuthi, Noba ngabakhululekileyo?

34. Uwaphendule uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Bonke abenza isono bangamakhoboka esono.

35. Ikhoboka ke alihlali endlwini ngonaphakade; ngunyana ohlala ngonaphakade.

36. Ngoko ukuba uNyana uthe wanikhulula, noba nikhululekile inene.

37. Ndiyazi ukuba niyimbewu ka-Abraham; ke nifuna ukundibulala, ngokuba ilizwi lam lingenakuhamba kuni.

38. Mna ndithetha endikubonileyo kuBawo; nani ke nenza enikubonileyo kuyihlo.

39. Aphendula athi kuye, Ubawo thina nguAbraham. Athi kuwo uYesu, Ukuba nibe ningabantwana baka-Abraham, ninge niyenza imisebenzi ka-Abraham.

40. Kaloku ke, nifuna ukubulala mna, mntu unixelele inyaniso endayiva kuThixo; àkakwenzanga oko uAbraham.

41. Nina nenza imisebenzi yooyihlo.Athi ngoko kuye, Thina asizelwe ngabuhenyu, sinaBawo mnye, uThixo.

42. Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo.

Uyohane 8