4. Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhléni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi.
5. Kuba nabazalwana bakhe bebengakholwa kuye.
6. Wathi ngoko uYesu kubo, Ixesha lam alikabikho, ke elenu ixesha lihlala lilungile.
7. Ihlabathi alinakunithiya nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo.
8. Nyukani nina, niye kulo mthendeleko; mna andikanyuki, ndiye kulo mthendeleko; ngokuba ixesha lam alikazaliseki.
9. Akuba ke ezithethile ezi zinto kubo, wahlala kwelaseGalili.
10. Ke, bakuba benyukile abazalwana bakhe, wenyuka naye, waya emthendelekweni, kungekhona ekuhléni, kubusithela.
11. Ayemfuna ngoko amaYuda emthendelekweni, esithi, Uphi na yena?
12. Kwaye kukho ukukrokra okukhulu ngaye ebantwini; inxenye ibisithi, Ulungile; abanye ke besithi, Hayi, yena ulahlekisa uluntu olu.
13. Noko ke bekungekho namnye ubethetha ngaye ngokusekuhléni, ngenxa yokoyika amaYuda.
14. Ke kaloku, kwakubon' ukuba sekuphakathi komthendeleko, wenyuka uYesu waya etempileni, wafundisa.
15. Ayemangaliswa amaYuda, esithi, Lo uyazi ngani na imfundo, engafundanga nje?
16. Waphendula uYesu, wathi, Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo.
17. Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le: ukuba iphuma kuThixo, nokuba mna ndithetha okukokwam, kusini na.
18. Lowo uthetha okwakhe, ufuna olulolwakhe uzuko; ke lowo ufuna uzuko lowamthumayo, uyinene yena, akukho kungalungisi kuye.
19. Umthetho aniwunikelwanga na nguMoses? Kanti ke akukho namnye kuni uwugcinayo umthetho; yini na ukuba nifune ukundibulala?
20. Saphendula isihlwele sathi, Ùnedemon; ngubani na ofuna ukukubulala?
21. Wapendula uYesu wathi kubo. Ndenzé umsebenzi wamnye, namangaliswa ke nonke.
22. UMoses uninike ulwaluko ngenxa yoku, kungengenxa yokuba luphume kuMoses, kungenxa yokuba luphume kooyihlo. Niyamalùsa ke umntu nangesabatha.
23. Ukuba umntu uyalùswa ngesabatha, ukuze ungaphulwa umthetho kaMoses, nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha?