Uyeremiya 8:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ndabaza indlebe, ndeva, báthetha into engeyiyo; akukho bani uzohlwayayo ngeento zakhe ezimbi, athi, Yintoni na le ndiyenzileyo? Bonke bephela babuyela ekugidimeni kwabo, njengehashe lifunzela emfazweni.

7. Kanti nengwamza ezulwini iyawazi amaxesha ayo amisiweyo; nehobe nehlankomo nendwe ziligcinile ixesha lokufika kwazo; ke bona abantu bam abalazi isiko likaYehova.

8. Ningáthini na ukuthi, Sizizilumko, umyalelo kaYehova unathi? Yabonani, okwenene usiba lwababhali olubuxoki luwenze wabubuxoki.

9. Zidanile izilumko, ziqhiphuke umbilini, zibanjisiwe; yabona, ziyalicekisa ilizwi likaYehova; zinobulumko bukabani na ke?

10. Ngako oko abafazi babo ndiya kubanikela kubambi, namasimi abo ndiwanikele kwabawahluthayo; ngokuba, bethabathela komncinane besa komkhulu, bonke bephela babáwa bebawile; bethabathela kumprofeti besa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki.

11. Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Lúxolo, luxolo; kungekho luxolo.

12. Baya kudaniswa, ngokuba benzé amasikizi; noko ke abadani nokudana, abakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawàyo, ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka; utsho uYehova.

13. Ndiya kubatshayela impela, utsho uYehova; kungabikho zidiliya emdiliyeni, kungabikho makhiwane emkhiwaneni; igqabi liya kubuna; ndisuke ndimise abo baya kugqitha phezu kwabo.

14. Sihlaleleni na? Zihlanganiseni, singene emizini enqatyisiweyo, sitshabalale khona; ngokuba uYehova uThixo wethu uza kusitshabalalisa, asiseze inyongo; ngokuba sonile kuYehova.

Uyeremiya 8