26. Ngokuba kufunyanwa abangendawo phakathi kwabantu bam; bayalalela ngokuncathama kwabathiyeli, benza isihogo, babambisa abantu.
27. Njengendlwane izele ziintaka, zinjalo izindlu zabo ukuzala yinkohliso; ngenxa yoko bakhulile baba zizityebi.
28. Batyebile, bagudile; kananjalo bagqithisele ngezinto ezimbi; ityala àbalilungisa, ityala leenkedama, ukuze zibe nempumelelo; àbaligwebi ityala lamahlwempu.
29. Ndingàveleli na ke ngenxa yezo nto? utsho uYehova; ùngaphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje?
30. Kwenziwa into emangalisayo, ebanga amanwele ezweni:
31. àbaprofeti baprofeta ngobuxoki, nababingeleli banobukhosi ngezandla zabo; abantu bam ke bathanda ukuba kube njalo. Niya kuthini na ke ekupheleni kwako oko?