Uyeremiya 39:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, xenikweni iYerusalem ibithinjiwe (ngomnyaka wesithoba kaZedekiya ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi, akubon' ukuba ufikile eYerusalem uNebhukadenetsare nempi yakhe yonke, bayingqinga;

2. ngomnyaka weshumi elinamanye kaZedekiya, ngenyanga yesiné, ngolwesithoba enyangeni leyo, wagqojozwa umzi),

3. bafika bonke abathetheli bokumkani waseBhabheli, bahlala esangweni laphakathi: ooNergale-sharetsere, noSamgare-nebho, noSarsekim umthetheli wamathenwa, noNergale-sharetsere umthetheli wezazi, nabanye abathetheli bonke bokumkani waseBhabheli.

4. Kwathi, akubabona uZedekiya ukumkani wakwaYuda namadoda onke okulwa, babaleka, baphuma ngobusuku phakathi komzi ngendlela yomyezo wokumkani, ngesango eliphakathi kweendonga, baphuma ngendlela yeArabha.

5. Impi yamaKaledi yabasukela, yamfikela uZedekiya ezinkqantosini zaseYeriko; yamthabatha, yenyuka naye, yamsa kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, eRibhela ezweni laseHamati; athethwa khona amatyala akhe.

6. Ukumkani waseBhabheli wababulala oonyana bakaZedekiya eRibhela emehlweni akhe; nabanumzana bonke bakwaYuda wababulala ukumkani waseBhabheli.

7. Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, ukuba asiwe eBhabheli.

8. AmaKaledi ayitshisa ngomlilo indlu yokumkani nezindlu zabantu, azidiliza neendonga zaseYerusalem.

Uyeremiya 39