Uyeremiya 36:11-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Waweva uMikaya unyana kaGemariya, unyana kaShafan, onke amazwi kaYehova encwadini,

12. wehla waya endlwini yokumkani, egumbini lombhali. Nabo, behleli khona abathetheli bonke: ooElishama umbhali, noDelaya unyana kaShemaya, noElinatan unyana ka-Akebhore, noGemariya unyana kaShafan, noZedekiya unyana kaHananiya, nabathetheli bonke.

13. UMikaya wabaxelela onke amazwi abewavile ekuleseni kukaBharuki encwadini, ezindlebeni zabantu.

Uyeremiya 36