2. Yiya endlwini yamaRekabhi, uthethe nawo, uwangenise endlwini kaYehova, kwelinye igumbi, uwaseze iwayini.
3. Ndamthabatha ke uYazaniya unyana kaYeremiya, unyana kaHabhatsiniya, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe bonke, nendlu yonke yamaRekabhi; ndabangenisa endlwini kaYehova,
4. egumbini koonyana bakaHanan unyana kaIgedaliya, umfo wakwaThixo, elisecaleni kwegumbi labathetheli, eliphezu kwegumbi likaMahaseya unyana kaShalum, umgcini-mnyango.
5. Ndabeka phambi koonyana bendlu yamaRekabhi iindebe ezizele yiwayini, neebhekile, ndathi kubo, Selani iwayini.