Uyeremiya 32:18-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ùnguwenza inceba kumawaka, uphindezela ubugwenxa booyise esondweni loonyana babo emva kwabo; uloThixo mkhulu, uligorha, ugama lakhe linguYehova wemikhosi;

19. ucebo likhulu, uzenzo zincamisileyo ngamandla; umehlo avulekileyo phezu kweendlela zonke zoonyana babantu, ukuba umnike ulowo ngokweendlela zakhe, nangokweziqhamo zezenzo zakhe;

20. wamisayo imiqondiso nezimanga ezweni laseYiputa, únanamhla, nakumaSirayeli nakwabanye abantu, wazenzela igama, njengoko kunjalo namhla.

21. Wábakhupha abantu bakho amaSirayeli ezweni leYiputa ngemiqondiso, nangezimanga, nangesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo,

22. nangoloyikiso olukhulu. Wabanika eli lizwe wabafungelayo ooyise, ukuba ubànike ilizwe elibaleka amasi nobusi.

23. Beza ke balihlala; kodwa àbaliphulaphula izwi lakho, àbahamba ngomyalelo wakho; konke owabawiseláyo umthetho ngako ukuba bakwenze, àbakwenza; wabahlisela ke bonke obu bubi.

24. Yabona, iindonga zokungqinga zifikile kulo mzi, ukuba ziwuthimbe; umzi ke únikelwe esandleni samaKaledi alwayo nawo ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa. Ilizwi owalithethayo lenzekile; nali ulibona.

25. Ke wena, Nkosi yam Yehova, ùthe kum, Zithengele intsimi ngemali, ungqinise amangqina; wakùbona ukuba umzi lo unikelwe esandleni samaKaledi.

26. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,

27. Yabona, ndinguYehova, uThixo wenyama yonke; kukho nto indinqabeleyo na?

28. Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni samaKaledi, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;

29. ezé amaKaledi alwayo naló mzi, awufake isikhuni, awutshise nezindlu abeqhumisela kuBhahali* phezu kophahla lwazo, bathululela thixweni bambi iminikelo ethululwayo, ukuze bandiqumbise.

30. Ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda baye besenza ububi bodwa emehlweni am kwasebuncinaneni babo; ngokuba oonyana bakaSirayeli ngabaqumbisi bodwa kum, ngezenzo zezandla zabo; utsho uYehova.

Uyeremiya 32