2. Utshilo uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndiyayaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli.
3. Kwangale minyaka mibini izalisekileyo, ndiya kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaYehova, awayithabathayo kuloo ndawo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, wayisa eBhabheli.
4. Ndiya kubabuyisela kule ndawo oYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, nabafudusiweyo bonke bakwaYuda, abayƩ eBhabheli, utsho uYehova; ngokuba ndiya kuyaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli.
5. Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, emehlweni ababingeleli, nasemehlweni abantu bonke abemiyo endlwini kaYehova:
6. wathi uYeremiya umprofeti, Amen, makenjenjalo uYehova. Makawamise uYehova amazwi akho owaprofetele ukuba ayibuyise impahla yendlu kaYehova, nabafudusiweyo bonke eBhabheli, beze kule ndawo.
7. Khawuve eli lizwi ndilithethayo ezindlebeni zakho, nasezindlebeni zabantu bonke.