Uyeremiya 24:2-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Enye ingobozi ibinamakhiwane alungileyo kakhulu, enjengamakhiwane aziintlahlela ekuvuthweni; enye ingobozi ibinamakhiwane amabi kunene, angenakudliwa ngobubi bawo.

3. Wathi ke uYehova kum, Ubona ntoni na, Yeremiya? Ndathi, Amakhiwane; amakhiwane alungileyo, elunge kunene; amabi emabi kunene, engenakudliwa ngobubi bawo.

4. Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi,

5. Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Njengaloo makhiwane alungileyo, ndiya kwenjenjalo ukubakhangelela okulungileyo abathinjiweyo bakwaYuda endibagxothileyo kule ndawo, baya ezweni lamaKaledi.

6. Ndiya kulimisela okulungileyo iliso lam kubo, ndibabuyisele kweli lizwe, ndibakhe, ndingabagungxuli; ndibatyale, ndingabanyothuli.

Uyeremiya 24