21. Ndathetha nawe uchulumachile; wathi wena, Andiyi kuva. Yindlela yakho leyo kwasebuncinaneni bakho, ukuba ungaliphulaphuli ilizwi lam.
22. Umoya uya kubadla bonke abalusi bakho, zithinjwe izithandane zakho; wandule ukudana, inene, uve ihlazo, ngenxa yezinto zakho ezimbi zonke.
23. Wena uhleliyo eLebhanon, uyakhelayo emisedareni indlu yakho, hayi ukugcuma kwakho ekufikelweni kwakho yinimba, kukuzibhijabhija, njengozalayo.
24. Ndihleli nje, utsho uYehova, ukuba uKoniyahu unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, ebengumsesane, wokutywina esandleni sam, sokunene, bendiya kumncothula nakhona;
25. ndikunikéle esandleni sabawufunayo umphefumlo wakho, nasesandleni sabo ùboyikayo, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, nasesandleni samaKaledi.
26. Ndonijulela kwelinye ilizwe, wena nonyoko owakuzalayo, apho naningazalelwanga khona; nifele khona.
27. Ke lona ilizwe, abaya kuphakamisela umphefumlo wabo kulo, ukuba babuyèle kulo, abasayi kubuyela kulo.
28. Lo mfo uKoniyahu ngumphanda odelekileyo, oza kuhlekezwa na? Uyimpahla engananziweyo na? Kungandawoni na ukuba bajulelwe, yena nembewu yakhe, baphoswe ezweni abangalaziyo?
29. Lizwe, lizwe, lizwe, líve ilizwi likaYehova!
30. Utsho uYehova ukuthi, Lo mfo mbaleleni ekuthini akanabantwana, yindoda engenampumelelo emihleni yayo; ngokuba akayi kuba nampumelelo umntu wasembewini yakhe, ohlala etroneni kaDavide, esalawula kwaYuda.