Uyeremiya 2:24-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. mazi ye-esile lasendle, eqhele intlango, ethi ngokunqwena kwayo isezele umoya; ukungxamela kwayo inkunzi, ngubani na ongakubuyisayo? Bonke abayifunayo abazidinisi; boyifumana ngenyanga yayo.

25. Luthintele unyawo lwakho lungabi zé, nomqala wakho unganxanwa. Ùthi ke wena, Kuncamekile; hayi, kuba ndibathandile abasemzini, ndiya kubalandela ke.

26. Njengokudana kwesela lakufunyanwa, kunjalo ukudana kwendlu kaSirayeli: bòna ngokwabo, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo;

27. besithi emthini, Ùngubawo; nasetyeni, Ùndizele; ngokuba bandinikela ikhosi, àbandinikela buso; ngexesha ke lobubi babo baya kuthi, Suk' ume usisindise.

28. Baphi na kaloku oothixo bakho ozenzeleyo? Mabasuke beme, ukuba boba nokukusindisa na ngexesha lobubi bakho; kuba oothixo bakho bábengangenâni lemizi yakho, Yuda.

29. Yini na ukuba nibambane nam? Nonke niphela nikreqile kum; utsho uYehova.

30. Ndifumane ndababetha oonyana benu; intethiso abayamkelanga; ikrele lenu lidlé abaprofeti benu njengengonyama edlavulayo.

Uyeremiya 2