Uyeremiya 12:15-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Kuya kuthi, emveni kokuba ndibanyothule, ndibuye ndibe nemfesane kubo, ndibabuyisele elowo elifeni lakhe, elowo emhlabeni wakhe.

16. Kothi, ukuba bathe bazifunda ngenkuthalo iindlela zabantu bam; ukuba bafunge igama lam, bathi, Ehleli nje uYehova, njengoko babafundisáyo abantu bam ukufunga uBhahali;* baze bakheke phakathi kwabantu bam.

17. Ke ukuba bathe abeva, ndolunyothula olu hlanga, ndilunyothule, ndilutshabalalise; utsho uYehova.

Uyeremiya 12