Unehemiya 9:17-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Àbavuma ukuva, àbayikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo, owayenzayo kubo. Bazenza lukhuni iintamo zabo, bamisa iintloko, ukuba babuyele ebukhobokeni babo ngeenkani zabo; wena wathi, kuba ùnguThixo wokuxolela, ubabala, unemfesane, uzeka kade umsindo, umninzi ngenceba, àkwabashiya.

18. Noko ke bazenzela ithole elingumfanekiso otyhidiweyo, bathi, Nguye lo uThixo wakho owakunyusayo eYiputa; bakugiba kakhulu.

19. Ke wena, ngeemfesane zakho ezinkulu, akubashiyanga entlango; umqulu welifu wokubakhokela ngendlela awumkanga kubo emini, nomqulu womlilo ebusuku wokubakhanyisela indlela abahamba ngayo.

20. Wabanika umoya wakho olungileyo, ukuba ubaqononondise; akuwuvimbanga umlomo wabo imana* yakho, wabanika amanzi ngenxa yenxano labo.

21. Iminyaka emashumi mané wabafunzela entlango, àbaswela nto; iingubo zabo azonakalanga bubudala, iinyawo zabo azidumbanga.

22. Wabanika izikumkani nezizwe, wabahlulahlula ngokwemida yabo; balihlutha ilizwe lakwaSihon, ilizwe lokumkani waseHeshbhon, kwanelizwe likaOgi ukumkani waseBhashan.

23. Wabandisa oonyana babo njengeenkwenkwezi zezulu; wabazìsa kwelo zwe, wàthi kooyise mabaze balihluthe.

Unehemiya 9