Unehemiya 4:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, akuva uSanebhalati ukuba sìyalwakha udonga, wasuka wavutha umsindo wakhe, waqumba kunene, wawangcikiva amaYuda.

2. Wathetha phambi kwabazalwana bakhe nempi yakwaSamari, wathi, Enza ntoni na la maYuda antshwenyileyo? ozinqabisa na? obingelela na? ogqiba namhla na? owavusa na amatye kwezi mfumba zothuli, etshile nje?

3. Ke uTobhiya umAmon, engakuye, wathi, Nale nto ayakhayo, kungáthi kunyuke impungutye le, iluqhekeze udonga lwawo lwamatye.

4. Yiva, Thixo wethu; ngokuba sideliwe, ukubuyisele ezintlokweni zabo ukungcikiva kwabo, ubanikele ekuphangweni elizweni labathinjwa.

5. Musa ukubuselela ubugwenxa babo; musa ukusicima isono sabo phambi kwakho; ngokuba bakuqumbisile phambi kwabakhi.

6. Salwakha ke udonga, lwadityaniswa lonke udonga, kwesa esiqingatheni sokuphakama kwalo. Abantu babenentliziyo yokusebenza.

7. Kwathi, akuva uSanebhalati, noTobhiya, nama-Arabhi, nama-Amon, nama-Ashdode, ukuba ziyenyuswa iindonga zeYerusalem; ukuba ziqaliwe, ziyavingcwa iintanda: wavutha umsindo wabo kunene.

8. Bacebisana kunye bonke bephela, ukuba beze kulwa neYerusalem, bayonakalise.

Unehemiya 4