Unehemiya 3:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ngakubo kwakulungiswa nguMelatiya waseGibheyon, noYadon waseMeronoti, namadoda aseGibheyon nawaseMizpa; kwesa esihlalweni sebamba langaneno koMlambo.*

8. Ngakuye kwakulungiswa ngu-Uziyeli unyana kaHarehaya, weengcibi zegolide; ngakuye kulungiswa nguHananiya unyana wabaqholi; bayakha iYerusalem, basa eludongeni olubanzi.

9. Ngakubo kwakulungiswa nguRefaya unyana kaHure, umphathi wesiqingatha sesithili saseYerusalem;

10. ngakubo kulungiswa nguYedaya unyana kaHarumafi, malungana nendlu yakhe; ngakuye kulungiswa nguHatushe unyana kaHashabheniya.

11. Esinye isithuba sesibini nenqaba ende yamaziko sasilungiswa nguMalekiya unyana kaHarim, noHashubhi unyana kaPahati, wakwaMowabhi.

12. Ngakuye kwakulungiswa nguShalum unyana kaHaloheshe. umphathi wesiqingatha sesithili saseYerusalem; yena neentombi zakhe.

Unehemiya 3