7. Ngakubo kwakulungiswa nguMelatiya waseGibheyon, noYadon waseMeronoti, namadoda aseGibheyon nawaseMizpa; kwesa esihlalweni sebamba langaneno koMlambo.*
8. Ngakuye kwakulungiswa ngu-Uziyeli unyana kaHarehaya, weengcibi zegolide; ngakuye kulungiswa nguHananiya unyana wabaqholi; bayakha iYerusalem, basa eludongeni olubanzi.
9. Ngakubo kwakulungiswa nguRefaya unyana kaHure, umphathi wesiqingatha sesithili saseYerusalem;
10. ngakubo kulungiswa nguYedaya unyana kaHarumafi, malungana nendlu yakhe; ngakuye kulungiswa nguHatushe unyana kaHashabheniya.
11. Esinye isithuba sesibini nenqaba ende yamaziko sasilungiswa nguMalekiya unyana kaHarim, noHashubhi unyana kaPahati, wakwaMowabhi.
12. Ngakuye kwakulungiswa nguShalum unyana kaHaloheshe. umphathi wesiqingatha sesithili saseYerusalem; yena neentombi zakhe.