Unehemiya 2:13-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ndaphuma ke ebusuku ngesango lomfula, ndasinga emthonjeni wenamba, nasesangweni lezàla, ndilolonga iindonga zeYerusalem ezibe ziqhekekile, namasango ayo abetshiswe ngomlilo.

14. Ndagqithela esangweni lomthombo, nasechibini lokumkani; akwabakho ndawo yokuba lithubeleze kuyo iqegu endandikhwele kulo.

15. Ndakhweza ke isihlambo ngobusuku, ndilolonga udonga, ndabuya ndangena ngesango lomfula; ndabuya ke.

16. Ke kaloku abaphathi babengazi apho ndandiye khona, nento endandiye kuyenza; bendingekawaxeleli amaYuda, nababingeleli, nabanumzana, nabaphathi, nabanye abenza umsebenzi.

17. Ndathi kubo, Niyabubona ububi esikubo, ukuba iYerusalem ilinxuwa, namasango ayo atshiswe ngomlilo; yizani, sakhe udonga lweYerusalem, singabi saba lungcikivo.

Unehemiya 2