Umateyu 9:17-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Kanjalo ayithiwa iwayini entsha ezintsubeni ezindala; kwénjiwe njalo, zingagqabhuka iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale iintsuba; yona iwayini entsha ithiwa ezintsubeni ezintsha, zigcinakale ezo nto zombini.

18. Akubon' ukuba uyazithetha ezi zinto kubo, nanko kusiza umphathi, waqubuda kuye, esithi, Intombi yam ibhubhé ngoku; yiza ubeke isandla sakho phezu kwayo, yophila.

19. Wesuka uYesu wamlandela, kwanabafundi bakhe.

20. Nanko kusiza ntokazi ithile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini; yafika ngasemva yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe;

21. kuba ibisithi ngaphakathi kwayo, Ukuba ndithe ndachukumisa ingubo yakhe nje kodwa, ndophiliswa.

22. Wajika uYesu, wayibona, wathi, Ntombi yam, yomelela, ukholo lwakho lukusindisile. Yasindiswa loo ntokazi kwangelo lixa.

23. Uthe akufika uYesu endlwini yomphathi, wazibona iingwali nabantu abaninzi bephithizela; athi kubo,

24. Khwelelani; kuba intombazana ayifile, ilele.

25. Basuka bamwa ngentsini. Uthe ke bakukhutshelwa phandle abantu, wangena, wayibamba ngesandla, yaza yavuka intombazana leyo.

26. Lwaza lwaphuma udumo lwale nto, lwaya kuwo wonke loo mhlaba.

27. Kuthe ke akuba edlula apho uYesu, walandelwa ziimfama ezimbini, zidanduluka, zisithi, Senzele inceba, nyana kaDavide.

28. Zithe, akungena ke endlwini, zeza kufika kuye iimfama; athi kuzo uYesu, Niyakholwa na ukuba ndinako ukukwenza oko? Zithe kuye, Ewe, Nkosi.

29. Wandula ukuwachukumisa amehlo azo, esithi, Ngokokholo lwenu makwenzeke kuni.

30. Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kalukhuni, esithi, Lumkani ingàziwa mntu le nto.

31. Kodwa zona zaphuma, zalubhengeza udumo lwakhe kuwo wonke loo mhlaba.

32. Ke kaloku zakubon' ukuba ziyaphuma, kwabonakala kuziswa kuye umntu osisidenge, ophethwe yidemon.

33. Kwathi, yakukhutshwa idemon, sathetha isidenge; zamangaliswa izihlwele, zisithi, Akuzanga kubonwe okunje kwaSirayeli.

Umateyu 9