29. Kuba wonke umntu onako uya kunikwa, abe nako ngokugqithiseleyo; ke ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.
30. Naye umkhonzi ongancedi lutho, mkhupheleni ebumnyameni obungaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
31. Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe;
32. zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni;
33. athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo.
34. Úya kuthi ke ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi;
35. kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini;
36. ndandizé, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.
37. Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi, sákubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza?
38. Sákubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini, uzé, sakwambesa?
39. Sákubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe?
40. Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum.
41. Úya kuthi nakwabangasekhohlo, Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade, owalungiselwa uMtyholi nezithunywa zakhe.
42. Kuba ndalamba, anandipha kudla; ndanxanwa, anandiseza; ndandingowasemzini, anandingenisa ndlwini;
43. ndandizé, anandambesa; ndandisifa, ndandisentolongweni, anandivelela.