Umarko 6:47-55 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

47. Ke kaloku, kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, waye yena eyedwa emhlabeni.

48. Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesiné ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga uza kugqitha kubo.

49. Bathi ke, bakumbona ehamba phezu kolwandle, baba ngumshologu, bakhala; kuba bonke bambona, bakhathazeka.

50. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika.

51. Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa;

52. kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile.

53. Bakuphumela, bafika ezweni laseGenesarete, batsalela elunxwemeni.

54. Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko abantu;

55. bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebása apho babemva ukuba ukhona.

Umarko 6