46. Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni.
47. Ke kaloku, kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, waye yena eyedwa emhlabeni.
48. Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesiné ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga uza kugqitha kubo.
49. Bathi ke, bakumbona ehamba phezu kolwandle, baba ngumshologu, bakhala; kuba bonke bambona, bakhathazeka.
50. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika.
51. Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa;
52. kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile.
53. Bakuphumela, bafika ezweni laseGenesarete, batsalela elunxwemeni.