Umarko 5:13-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zaye ke iihagu ezo ngathi zimawaka mabini; zarhaxwa elwandle apho.

14. Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke baya kuyibona loo nto ihlileyo, ukuba iyintoni na.

15. BafĂ­ke kuYesu, bambone obephethwe ziidemon, lowo ke wayenomkhosi, ehleli, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo; baza boyika.

16. Abo babeyibonile le nto babacokisela, ukuba kuthekeni na kobephethwe ziidemon; kwanokweehagu.

17. Baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo.

18. Akubon' ukuba ungene emkhombeni, wathi lowo ubephethwe ziidemon wambongoza ukuba abe naye.

19. Kodwa uYesu akamvumelanga. Usuke wathi kuye, Hamba, uye endlwini yakho kwabakowenu, ubabikele oko zingako ukuba zinkulu izinto ekwenzele zona iNkosi, yaba nenceba engaka kuwe.

20. Wemka, waqala ukuzivakalisa eDekapoli oko zingako ukuba zinkulu izinto uYesu abemenzele zona; bamangaliswa bonke.

21. Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu uwelile ngomkhombe, wabuya weza kwelinye icala, kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu; waye engaselwandle apho.

22. Kubonakele kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; athi akumbona, awe ezinyaweni zakhe,

23. ambongoze kunene, esithi, Intombazana yam isindekile; khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe; yophila.

24. Wesuka wahamba naye; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile.

25. Intokazi ethile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini,

Umarko 5