6. Ithi ke yona kubo, Musani ukuqhiphuka umbilini; nifuna uYesu waseNazarete, obebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile, akakho apha; nantsi indawo ababembeke kuyo.
7. Hambani ke niye, nibaxelele abafundi bakhe noPetros ukuthi, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho, njengokuba wayetshilo kuni.
8. Baphuma ke kamsinya, babaleka engcwabeni. Baye ke bephethwe lungcangcazelo nokuthi nqa; àbathetha nto nakubani, kuba babesoyika.
9. Ke kaloku wathi uYesu, evuke ekufeni kusasa ngolokuqala usuku lweveki, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala, awayekhuphe kuye iidemon zasixhenxe.
10. Waya yena wabikela ababenaye, bakubon' ukuba bakhedamile, bayalila.
11. Basuka nabo, bakuva ukuba uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguye, àbakholwa.
12. Emveni koko ke, wabonakaliswa ngesinye isimo kwababini bakubo, behamba besinga emaphandleni.
13. Nabo baya babikela abanye; àbakholwa nangabo.
14. Kamva wabonakalaliswa kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo; ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile.
15. Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo.
16. Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa.