Uluka 23:31-48 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Ngokuba ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo?

32. Ke kaloku baberhola nabanye abangabámbi, bebabini, bengabenzi bobubi, beya kubulawa kunye naye.

33. Bathi ke bakufika kwindawo le kuthiwa luKakayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho, kwanabenzi bobubi abo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekhohlo.

34. Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo.Bathi ke, besabelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso.

35. Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba lo unguye uKristu, umnyulwa kaThixo.

36. Ayedlala ngaye ke namasoldati, esiza asondeze iviniga kuye, esithi,

37. Ukuba wena ungyuye uKumkani wamaYuda, zisindise.

38. Kwaye ke kubhalwe nombhalo ngaphezu kwakhe, ngamagama esiGrike, nawesiRoma, nawesiHebhere, kwathiwa, LO NGUKUMKANI WAMAYUDA.

39. Ke kaloku, omnye wabenzi bobubi ababexhonyiwe wayemnyelisa, esithi, Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise.

40. Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje?

41. Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa, kuba samkela okufanele esakwenzayo; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo.

42. Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho.

43. UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje ùya kuba nam eParadisi.*

44. Ke kaloku, kwakumalunga nelixa lesithandathu, kwaza kwakho ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwaba lilixa lesithoba.

45. Lenziwa mnyama ilanga; isikhuselo sendawo eyingcwele sakrazuka phakathi.

46. Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam. Uthe akuba etshilo, waphuma umphefumlo.

47. Ke kaloku umthetheli-khulu, akukubona okuhlileyo, wazukisa uThixo, esithi, Inene, lo mntu ubelilungisa.

48. Zathi zonke izihlwele ezabe zibuthelene kuloo mbonelo, zakukubona okuhlileyo, zabuya zibetha izifuba zazo.

Uluka 23