Uluka 2:6-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale.

7. Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngenxa enokuba babengenandawo endlwini yabahambi.

8. Kwaye kukho abalúsi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo.

9. Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu.

10. Isithunywa eso sathi kubo, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke bantu;

11. ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKristu* iNkosi.

Uluka 2