Uluka 10:21-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Ngelo lixa wagcoba uYesu ngomoya, wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba; ngokuba ezi zinto uzifihlile kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana; ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka kuwe ukuba kube njalo.

22. Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, nguYise yedwa; nokuba úngubani na uYise, nguNyana yedwa, nalowo asukuba uNyana ethanda ukumtyhilela.

23. Wathi guququ kubafundi bakhe, wathi ngasese, Anethamsanqa wona amehlo abona izinto enizibonayo.

24. Kuba ndithi kuni, Baninzi abaprofeti nookumkani ababethande ukubona izinto enizibonayo nina, àbazibona; nokuva izinto enizivayo, àbaziva.

25. Kwabonakala kusuka umqondisimthetho othile, emlinga nokumlinga, esithi, Mfundisi, ndénze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?

26. Uthe ke yena kuye, Emthethweni kubhalwe ntoni na? Ulesa njani na?

27. Waphendula ke wathi, Ùze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; nommelwane wakho, njengoko uzithanda ngako.

28. Uthe ke kuye, Ùphendule walungisa; yenza oko, wobudla ubomi.

29. Ke kaloku yena, ethanda ukuzigwebela, wathi kuYesu, Ngubani na ongummelwane wam?

30. Uphendule ke uYesu, wathi, Umntu othile wayesihla evela eYerusalem, esiya eYeriko. Wagaxeleka ezihangeni, ezambhunyula iingubo, zamngxwelerha, zemka, zimshiya engathi uza kufa.

31. Ke kaloku kwathi, kwehla mbingeleli uthile ngaloo ndlela; akumbona, wacezela phaya.

32. Kwangokunjalo ke nomLevi, akufika kuloo ndawo, weza wambona, wacezela phaya.

33. Uthe ke umSamariya othile, eseluhambeni, waya kuye; wathi, akumbona, wasikwa yimfesane.

34. Wafika, wawabopha amanxeba akhe, egalela ioli newayini, wamkhwelisa eqegwini lakhe, wamsa endlwini yabahambi, wamonga.

35. Akumka ngengomso, warhola iidenariyo* zambini wanika umninindlu, wathi kuye. Uze umonge; nento ongathi ubuye udleke yona, ndokuhlawulela mna ekubuyeni kwam.

36. Nguwuphi na kwabo bathathu ngoko, othi wena, waba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni?

37. Uthe ke yena, Ngulowo wamenzela inceba. Wathi ngoko uYesu kuye, Hamba, uye kwenjenjalo nawe.

38. Ke kaloku kwathi, ekuhambeni kwabo, yena wangena mzini uthile, yathi ke intokazi ethile egama linguMarta, yamamkela ngobubele endlwini yayo.

39. Yaye ke inomsakwayo obe kuthiwa nguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zikaYesu, emana ukuliphulaphula ilizwi lakhe.

Uluka 10