34. Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje?
35. Saphendula isithunywa sathi kuye, UMoya oyiNgcwele uya kuza phezu kwakho, athi namandla Osenyangweni akusibekele; kungoko loo nto ingcwele izalwa nguwe iya kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo.
36. Uyabona, uElizabhete, ozalana nawe, naye umithe unyana ebudaleni bakhe; nale yinyanga yesithandathu kuye, lowo bekuthiwa ngongazaliyo;
37. ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo.
38. Wathi ke uMariya, Nanko umkhonzazana weNkosi; makwenzeke kum ngokwelizwi lakho. Saza isithunywa semka kuye.
39. Ke kaloku, wesuka uMariya ngaloo mihla, wasinga kweleentaba ngobungxamo, emzini wakwaYuda;
40. wangena endlwini kaZekariya, wambulisa uElizabhete.
41. Kwathi, akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe, wesuka wazala nguMoya oyiNgcwele uElizabhete.