Uisaya 54:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ndakushiya okwephanyazo elincinane; ndiya kukubutha ngemfesane enkulu.

8. Ngomkhukula woburhalarhume ndabusithelisa ubuso bam kuwe okwephanyazo; ndiya kuba nemfesane kuwe ngenceba engunaphakade; utsho uMkhululi wakho uYehova.

9. Ngokuba injengonogumbe kaNowa le nto kum; oko ndafungayo ukuba amanzi kaNowa akasayi kuba sahamba phezu kwehlabathi, ngokunjalo ndifungile ukuba andiyi kuba naburhalarhume kuwe, ndingakukhalimeli.

10. Ngokuba zingáde zimke iintaba, neenduli zishukume; yona inceba yam ayiyi kumka kuwe, ungashukumi nomnqophiso wam woxolo; utsho onemfesane kuwe, uYehova.

11. Wena lusizana, uphetshethwayo ungenantuthuzelo, yabona, ndiwabeka amatye akho kwistibhiya,* ndikuseka ngeesafire.*

12. Ndolumisa uqoqo lwakho ngeerubhi,* namasango akho ngamatye abengezelayo, nemida yakho yonke ngamatye anqabileyo.

Uisaya 54